Kwiyure ezimbalwa kubhengezwe ukubhubha kukaZola “Bishop” Yolelo obengusomashishini nowayesakuba nguSihlalo ka-SANTACO eMpuma Kapa,ekwayiNkosi yaseMthatha West ,iKumakani yabaThembu uZwelibanzi Dalindyebo ukhuphe isibhengezo esithi:
- IKomkhulu labaThembu linolwazi ngolwaphulo mthetho oluqhubeka eMthatha West,nolubekwe esweni ngaMapolisa oMzantsi Afrika (SAPS).
- IKomkhulu labaThembu lifuna ukuyicacisa into yokuba uMnumzana Zola “Bishop” Yolelo zange abeyiNkosi engeyiyo nenkokheli yeMveli eMthatha West.
- Iyaziwa luluntu into yokuba iKomkhulu labaThembu lathatha amanyathelo asemthethweni ngaku Mnu.Zola Yolelo phantsi kwetyala u:1359/2023 kwinkundla ephakamileyo eMthatha.INkundla yagweba ngelithi uZola Yolelo akanalungelo lakuma njengeNkosi okanye inkokheli yoluntu yaseDecolyn eMthatha West.
- Iyaziwa into yokuba emva kokudutyulwa kukaMareke owayezenza iNkosi yaseMthatha West iKomkhulu layalela ukuba malubhangiswe ulwaphulo mthetho eMthatha West kwaye abasemagunyeni kuliwo lolwaphulo mthetho bazakuthatha amanyathelo.
- IKomkhulu labaThembu liyaphinda libongoza bonke abantu abahamba bezenza iiNkosi eMthatha West behamba bekhuthuza abantu bebafuna imali bezibandakanya kwizenzo zolwaphulo mthetho mabohlukane naleyo mikhuba.
- Elokugqibela iKomkhulu labaThembu ligqithisa ilizwi lombulelo nengxaso engagungqiyo kwicandelo lamapolisa iNational Intervention Unit ngomsebenzi wayo kwindawo ezigutyungelwe lulwaphulo mthetho kweli phondo.
- IKomkhulu labaThembu lizakuqhubeleka nokunika isikhokhelo nokubeka esweni indawo yaseMthatha West.