Ufunyenwe ulahlwe ngasemlanjeni emva kwemini ngoMgqibelo kwilali yaseMtsila eLusikisiki,umzimba wetitshalakazi ebilahlekile.Ngokwengxelo yamapolisa umzimba ufunyenwe unamanxeba eembumbulu.Kutyholwa ukuba uYonela Mahlungulu (34) uchazwe njengodukileyo emapoliseni ngumyeni wakhe emva kokungabuyi esikolweni ngoLwesihlanu.Kudizwa ukuba ulahleke emva kokumka kwindawo ebizwa kwaRobert eNgobozana.Kuvakele ukuba akakhange aphangele nangona eshiye le ndawo esiya kwisinala iSobaba apho ebexelenga khona.Ngethuba elahleka umnxeba wakhe ubushiyeke kwindawo abehlala kuyo.
Isithethi samapolisa ephendweni uCol.Priscilla Naidu uthi kuphehlelelwe iphulo lokukhangela kusetyenziswa noncedo lwetracker ebonise isithuthi sikwilali iBukuveni eNtlezi eFlagstaff.Ngethuba sifunyanwa isithuthi besinamachaphaza egazi kwibhuti yaso kwaye isitshixo besishiywe kuso.
UCol.Naidu uthi amapolisa asebenzise uncedo lweTracker ekhangela umzila wesithuthi apho besihamba khona.Icandelo lamapolisa i-K9 nelezinja kuquka amalungu osapho noluntu lwaseNgobozana baqhube nokukhangela zonke iindawo ebesikhe samisa kuzo esi sithuthi de kwafunyanwa lo mzimba ulahlwe emlanjeni unamanxeba eembumbulu kumzimba ongentla.Lo mlambo kulapho kwafunyanwa khona umzimba wenqununu yesikolo saseBumnyameni idutyulwe yalahlwa apha kwinyanga ezimbini ezidlulileyo.
Amapolisa aphanda ityala lokubulala.Unobangela wolugebengo awukaziwa okwangoku kwaye nabarhanelwa abakaziwa.Amapolisa abongoza nabani ongancedisa kwinzame zokukhangela abarhanelwa anxibelelane nesikhululo samapolisa eLusikisiki athethe no D/Capt.Sizwe Sitsha ku-0824422714 okanye kuCrime Stop ku 0860010111 okanye nasiphi isikhululo samapolisa esikufuphi.