Iyunivesithi yaseWalter Sisulu izilile emva kokudutyulwa kukaSekela-Chancellor uSinethemba Mpambane ngoLwesine we-19 kule imiyo,ngaphandle kwaseNkululekweni kwiNelson Mandela Drive eMthatha.Olu hlaselo olwenzeke malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya kufuphi nesango laseNkululekweni eyindayo yokuhlala ngakuhola wendlela u-N2 .Sisihlandlo sesibini kubulawa umntu e-WSU kwisithuba seenyanga ezintathu,nto leyo ixhomisa amehlo ngokhuseleko lwalekhampasi.
Amapolisa eMpuma Kapa abhaqe uMpambane ebhubhele kwimoto yakhe enamanxeba amaninzi okudutyulwa.UMkomishinala obambeleyo wamapolisa ephondweni uMajor General Thandiswa Kupiso uthe amaqela ophando aphume iphulo enza uphando.Akukabanjwa mntu kwaye amapolisa abongoza nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili.