USihlalo kazwelonke we-ANC uGwede Mantashe ubalule inkxalabo ngemeko yeli lizwe,eyibiza ngokuba yinkululeko engenzi nto.UMantashe ukuthethe oku ngethuba lo mbutho kwiphondo leMpuma Kapa ubuphonononga umqulu weithembiso wonyaka ka-2019 kumasipala ombaxa weBuffalo City eMonti ngoMgqibelo.
IMpuma Kapa lelinye lamaphondo athwaxwa yindlala,izinga eliphezulu lentswela-ngqesho,nokunqongophala kokuhanjiswa kweenkonzo.UMantashe uthi eyona mpazamo inkulu ye-ANC kukuvumela abemi boMzantsi Afrika babe ngabemi abangenzi nto. “Enye yeempazamo esizenzileyo kule minyaka idlulileyo kukudala uluntu olungonwabanga,abantu abangakwazi kuzenzela nto,abantu abahleli phantsi belindele ukuhanjiswa kweenkonzo.Urhulumente kufuneka enze le naleyo,” ulebele ngelo uMantashe onguMphathiswa weZimbiwa nezaMandla.