Umbutho woonotekisi iBorder Taxi Association nabanye oosomashishini baseMthatha bahlangene bazibophelela ukuba bazakubangcwaba abantwana ababini bakwaMakeleni eSibangweni.Aba bantwana abaneminyaka emine nesixhenxe batshe nendlu kuleveki iphelileyo.Inkwenkwana eneminyaka elithoba eyayihleli nabo ngethuba kuqhambuka umlilo yakwazi ukubhungca.Umama wabo unamashumi amabini anesibini eminyaka ubudala wayengekho ekhayeni ngelo xesha kutsha indlu.
“Ndeve ivumba lomsi.Xa ndivuka ndijonga ndabona idangatya lomlilo.Xa ndizama ukubavusa abavuka.Ndikhangele amanzi andawafumana.Ndiye ndabaleka ndabiza abamelwane.Bafika bawucima umlilo kodwa abantwana basekhaya bebetshile basweleka,”kutsho le nkwenkwana esindileyo.
UAnelisa Makeleni usothukile sesisihelegu. “Sekufane kubhetele nje kuba kukho abantu abazakundincedisa ukungcwaba abantwana bam ngesidima.”USimphiwe Qhinga onguSihlalo weBorder Alliance Taxi Association uthi bengenootekisi banoxanduva lokuncedisa uluntu ngemihla yeembandezelo.UNkosi Velile Nombengula waseSibangweni ulithakazelele uncedo oluvela kumbutho weetekisi.Aba bantwana bazongcwatywa kule veki sikuyo.