Inkundla yamatyala yesigqeba eMthatha igwebe ubomi kabini ithothoza emjiva kunye neminyaka engamashumi amabini indoda eneminyaka engamashumi amane ananye ubudala.Le ndoda ifunyenwe inamatyala amabini okudlwengula kunye namabini okuxhaphaza ngokwesondo umntwana wayo kunye nomtshana wayo.
Igama lalendoda linkonyiwe ukukhusela amaxhoba.Kuvakala ukuba olu lwaphulo mthetho lwenzeke ngamaxesha ohlukeneyo kwiminyaka eyahlukeneyo.Ngokwengxelo yenkundla ngo-2023 nango 2014 esi sidlwengu sasiqeshe indawo yokuhlala eligumbi elinye eMandela Park eMthatha nomfazi wayo nentombi yabo eyayilithoba ngoko.
Ngethuba umfazi ephangela ekuseni le ndoda eyayingaphangeli yayimema le ntombi izolala ebhedini imdlwengule ngaphambi kokumgrogrisa ngokumbulala nonina ukuba uchaze eli sikizi.Ingxelo idize ukuba ngo-2020 umtshana owayene -13 ubudala watyelela kweli khaya.Ngobunye ubusuku ngethuba umfazi eyosela wayolala nabo phantsi wabanyanzelisa bacofane amabele nobudoda bakhe.
Emva kwentsuku ezimbalwa wadlwengula amaxhoba omabini nekulapho wanyanzelisa elinye ixhoba libukele edlwengula elinye.Wagrogrisa umtshana ukuba uzobulala usapho lonke ukuba uxele olu dlwengulo.ULuxolo Tyali weGunyabantu loTshutshiso kuZwelonke (NPA) ozinze eMpuma Kapa uthi intombi yalendoda yapasa ibanga leshumi yadlulela eYunivesithi kunyaka ophelileyo.Kungelothuba yachazela unina konke obekuqhubeka kwakhaya labo.Bemka kulendlu ngoko nangoko bayozimela ngaphambi kokuvula ityala emapoliseni.
UTyali uthi le ndoda ibisoloko itsalela umnxeba umfazi imbuza ngendawo abakuyo ibacela babuyele ekhaya.Kuvakala ukuba lo mfazi wabuyela ekhaya sele ehamba namagosa akwantsasana wabanjwa kwaye yakhatywa ibheyile.Ngethuba kuqhuba ityala le ndoda yatyhola ukuba yenzelwe iyelenqe yintombi kuba wayeyibhaqe nenkwenkwe.UMantyi uShylock Ndengezi ufumene le ndoda njengexoki elikhanyela kwanto ngaphandle kwegama lakhe.Ezi zigwebo zobomi neminyaka zizohamba ngexesha elinye.