kweli phondo libenomthelela wokuhohloka kwezisekelo ezingundoqo.UMabuyane ukuthethe oku eBhisho ngethuba esithula iNtetho yoBume bePhondo (State of The Province Address) kwiveki ephelileyo.UMabauyane uthi uqoqosho lwephondo lumi ngxishi ku-2.1 % ekubeni kulindeleke uhlumo luka-2.8% kulonyaka.Uthe kukho izicwangciso zokudala imisebenzi kuqeshwe abantu abakuma-2.4 yezigidi kunyaka ka-2030.
“Ngentsebenziswano nemibutho yasekuhlaleni sikwazile ukudala amathuba emisebenzi kwaze kwaqeshwa abantu abakwisigidi amashumi amane amawaka namashumi amahlanu 1,450.000 kunyaka ka-2024.Sinezicwangciso zokukhulisa elinani liyoma ku-2.4 yezigidi kunyaka ka-2030.Siyathemba singakufezekisa oku kuba iziphumo ze-Labour Force Survey zibonakalisa ukwehla ngo20.000 kwamanani abantu abadinga imisebenzi kweli phondo.Lo nto ithetha ukuba sijongene noxanduva lokudala amathuba emisebenzi ekuma-600,000.”
UMabuyane uthi isebe leMisebenzi yoLuntu noPhuhliso leZisekelo eZingundoqo sekumbovu ukuba ipasise ngokusemthethweni ulwakhiwo lwechweba eHamburg naseMbizana kumalinge okuhlumisa ukuloba kwindawo ezisemaphandleni.Uthi eli phulo libalulekile ekukhuliseni ushishino lwaselwandle. “Urhulumente ubekele bucala imali ekwi-R10 yezigidi ukuze kuxhaswe abalobi abakhasayo ngekheyiji nezikhitshana zokuloba.Kuphinde kubekho enye imali ekwi-R10 yezigidi yona ijongene nokukhulisa olushishino lokuloba nokuvelisa kudaleke indlela yokuba kuthengiseke ingca yolwandle,iimbaza njalo njalo.”