Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) unqakulwe wavalelwa ngamapolisa akuKomani emva kwesityholo sokubulala uyisemkhulu oqikelelwa kumashumi alithoba (90) eminyaka ubudala.Esi siganeko sehle kwilokishi yaseMlungisi kuKomani,ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Ngokwengxelo yamapolisa kutyholwa ukuba ngoLwesihlanu kwisithuba sentsimbi yesihlanu emalanga,abahlali babikele amapolisa ngesiganeko sokubulawa komntu kwisitalato iSizani.Ngethuba amapolisa egaleleka afumene umzimba wexhego wombathiswe ngengubo unenxeba lokugwazwa emqaleni.
Kuvulwe ityala lokubulala ukuze kuqhutywe uphando.Isithethi samapolisa uCaptain Namhla Mdleleni uthi uphando lokuqala lwenziwe,umzukulwana uthathiwe wayohlohlwa ngemibuzo kwisikhululo samapolisa sakwaMlungisi.Uphando luveze ukuba umrhanelwa nguye osemva kokubulawa kwale nkonde enamashumi alithoba eminyaka ubudala.
Kulindeleke avele enkundleni ingaphelanga le veki.UMkomishinala wamapolisa kwisithili iChris Hani uMajor General Rudolph Adolph uvakalise ukothuka nokukhathazeka ngesehlo sokubulawa ngokungenanceba kweli xhego.