ULuthando Veli oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ugwetywe ubomi entolongweni waze waphinda wabhaselwa ngeminyaka emihlanu,yinkundla yesithili eMonti.Oku kulandela ukuba le nkundla imfumanise enetyala lokudlwengula owasetyhini ongumkhweli oneminyaka engamashumi amathathu ananye,kunye nokuzama ukudlwengula omnye oneminyaka engamashumi amabini ananye.Ezi zigwebo zozibini zakuthi ziqhube ngaxeshanye.
ULuthando Veli ubesebenza njengomqhubi wezithuthi zikawonke-wonke kwidolophu yaseMonti.Ngomhla wama-21 kweyeNkanga kunyaka ka-2020 wakhwelisa inenekazi kwisitalato i-Oxford lisiya eSouthernwood kwimoto eyi Toyota Avanza awayeyisebenzisa ukukhwelisa abantu.ULuthando wathembisa eli gqiyazana ukuya kulibeka kwindawo elihlala kuyo kanti unezinye iinjongo,wagqitha nalo waya kwindawo apho wathi wamkhuphela ngaphandle kwesithuthi wambetha ze wamdlwengula.
Kanti ngomhla wesixhenxe kweyoMdumba kunyaka wama-2021 uLuthando waphinda wakhwelisa elinye inenekazi eMdantsane lisiya eMonti.ULuthando wathi kweli nenekazi ucela ukujika kwindawo ekufutshane ufuna ukukhangela abanye abakhweli ze bangena kwindlela esingise eReeston.Inenekazi lathi lakufumanisa ukuba le ndlela isingise ngasehlathini lacela ukwehla,uLuthando walalela wabe seletshixa amacango emoto.Uye wamkhulula waze wakhwela phezu kwakhe ngenjongo zokumdlwengula.
Eli nenekazi lakwazi ukutsiba ngefestile de kwabona abahambi ngendlela balihlangula.ULuthando wacela kwabasicatyana eshiya ngesemva isithuthi.Yeyona nto yancedisa kakhulu amapolisa leyo kuba asebenzisa isithuthi eso ukukhangela umnikazi wesithuthi nowadiza ukuba eneneni isithuthi sesakhe kwaye uqashe uLuthando Veli ukuba asiqhube wabe uyabambeka umsolwa.
Noxa ethe waqala wakhanyela uLuthando ngelithi ewe wayeqeshwe ukuba aqhube esa sithuthi kodwa saye sexuthwa ngamasela kuye ngolasuku uyasola inoba ngawo lawo ayehamba egila imikhuba.Iinzame zakhe zokuzonyula edakeni ziye zaphanza nanjengoko iziphumo zoxilongo lamaxhoba zaseThuthuzela ziphume zikhomba kuye uLuthando.
“Indima ethe yadlalwa yiThuthuzela Care Center yaseMdantsane kunye nendima edlalwe ligosa elijongene nokulungisa amangqina lakwaNationala Prosecuting Authority,yinto ekufuneka inconywe kakhulu,ngokuthi baqinisekise ukuba aboni abafana noLuthando bayagwetywa ngokufanelekileyo,” kutsho uLuxolo Tyali osisithethi seNPA eMpuma Kapa.