I-IEC (Independent Electoral Commission) eMpuma Kapa ivakalise inkxalabo emva kokuvalwa kwezikhululo zovoto ngenxa yoqhankqalazo loonotekisi eMthatha ngoMvulo.Izitishi zovoto ezingaphaya kwekhulu khange zivulwe ngenxa yolu qhankqalazo olushiye abantu abakwishumi elinesibini bonzakela.Owona mmandla ochaphazeleke ngamandla yi-OR Tambo kuba oluqhankqalazo beluqhubeka kuhola wendlela u-N2 noR61 eyimizila edibanisa uMthatha needolophu eziwungqongileyo eziquka uTsolo/Qumbu,Ngcobo,Dutywa nePort St.Johns .
Osisithethi sakwa-IEC eMpuma Kapa uKhayakazi Magudumane uthe iPort St.Johns yiyo ebenezitishi ezininzi ezingakhange zivulwe ukuze abantu beevoti ezikhethekileyo bavote.Izitishi ezingamashumi alithoba ananye (91) khange zivulwe ngoMvulo zonke ziphantsi kweSajonisi ze ezilishumi elinethoba (19)zibephantsi komasipala iKing Sabata Dalindyebo.
UMagudumane uthembise ukuba ezozitishi zingakhange zivulwe zizovulwa ngoLwesibini ukuze abantu abadala bakwazi ukuvota.
Kwelinye icala uMphathiswa wesebe lamapolisa uBheki Cele ubambe indibano nabantu baseMzamba eMbizana ukuzakuxoxa ngemiba equka ukusiwa kweenkonzo nolwaphulo mthetho.
Kwiveki ephelileyo abahlali bavale indlela abehamba kuyo uCele xa bebenyanzelisa ukudibana noSodolophu wasithili iAlfred Nzo uVukile Mhlelembana noDaniswa Mafumbatha onguSodolophu waseMbizana.