INkulumbuso yephondo leMpuma Kapa iyalele amapolisa ayeke ukuteketisa izaphuli mthetho.Ithi zimbini qwaba iindawo zezaphuli mthetho lingcwaba nejele.UOscar Mabuyane ubethetha kwintlanganiso yesipolisa,iinkokheli zemveli,oosomashishini nabanye ebibanjelwe kwiholo yomasipala wesithili wase O.R Tambo eMthatha kwiveki ephelileyo.
Iinjongo zalentlanganiso ibikukushukuxa amaqhinga okulwa ulwaphulo mthetho olugqugqisayo e-O.R Tambo.Kwiphondo leMpuma Kapa iMthatha ikwindawo yesibini ilandela iLusikisiki nayo ephantsi kwesithili i-OR Tambo kwindawo yesithathu ibeyiGqeberha.
Le ntlanganiso ibizinyaswe nabubukho boMphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu,usodolophu wesithili uMesuli Ngqondwana nabanye. “Andinakuze ndibe ndixoxa unobenani wamapolisa akhonjwa ngemipu.Ukuba ipolisa liya kunqevu ukuyombuza athathe isigqibo sokufaka isandla epokothweni nokuba ubezokhupha imela na makasebenze ngaye kuqala.Ndiyithandile eniyenznaba eQoboqobo nabasusa emhlabeni,baya eKapa nabalandela.Sifuna loo nto,” kutsho uMabuyane.
UMphathiswa wamapolisa kuzwelonke uSenzo Mchunu uthi abantu bathethile bevakalisa ukungakhuseleki kwindawo abahlala kuzo e-O.R Tambo besiza nobungqina.UMchunu uthe: “Sibambe le ndibano ukuzisa ucwangco nokuthotyelwa komthetho.Sizozisa amapolisa ecandelo leTactical Response Team (TRT) neNational Intervention Unit (NIU) kungekudala. “Nikani amapolisa inkxaso ngethuba lokwenza umsebenzi wawo.Sizokwengeza amapolisa njengenyathelo elilandelayo.” UShakes Mbengo uthi bengamaqumrhu esiplisa ekuhlaleni (CPF) bagqibela bengamaxhoba ezikrelemnqa watsho ememelela ukuncediswa ngoomasipala namapolisa.Uqhube wathi amapolisa makanyaniseke kumlo wolwaphulo mthetho.Kulindeleke igqiza lesipolisa libambe indibano nabaphathiswa abaquka owesebe leZobulungisa ukushukuxa imeko yeZobulungisa nolwaphulo mthetho.