Ilahleko ebengelwe zizikhukhula eMpuma Kapa iqikelelwa kwi-R4 Billion.Oku kudizwe libambela Nkulumbuso ephondweni uMlungisi Mvoko ngethuba ethetha nonondaba eCicirha eMthatha ngoLwesine weveki ephelileyo.Urhulumente ubebambo usuku lokuzilela amaxhoba akwi-92 athe asweleka.UMphathiswa uMvoko uthi eli ayiloxesha lokrutha-kruthwano ukugxekana nokunyolana abantu bajonge ukufumana uncedo kubantu bonke.
Esenza intetho yosuku uMvoko uthe bangaphaya kwamawaka amathathu anamakhulu amathathu abantu abachaphazeleke zizikhukhula ephondweni,imizi eshiyeke yonakele ikuma-4229,izindlu ezisiphuke amaphahla zikwi-1963 izikolo ezonakaliswe ngumoya ziyi-413.Abafundi abachaphazelekileyo bayi-48341.UMphathiswa uqhube wathi urhulumente uza kusebenza nabahlali ukubuyisela imeko yabo esiqhelweni.Ucele intsebenziswano nokunyamezelana ngelithi mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe.
Urhulumente uthi into ephambili okwangoku kukuqinisekisa ukuba kusetyenziswana neentsapho zamaxhoba ukuze angcwatywe ngesidima nesithozela.Emva koko kuqale inkqubo yokwakha ngokutsha.Uyalele le ntlekele ingabiyiyo indlela yokuzityebisa ngokukhawuleza kodwa imali incede ukwakha kwakhona ubomi babantu.Ngokutsho kukarhulumente imvula ezintlekele zikhe zakhona phaya eMonti naseGqeberha.
UMphathiswa uMvoko uqukumbele ngelithi: “Kuza kufuneka sidlane indlebe neeNkosi nooMasipala ngendlela eyiyo esihlalisa ngayo abantu bakuthi ukuze bangabi ngamaxhoba entlekele.”