Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa lingqinile ngeLwesithathu weveki ephelileyo ukuba iintsana ezimbini ebezebiwe kwisibhedlele saseDora Nginza eGqeberha zifunyenwe ziphilile.ISithethi sesebe uSizwe Kupelo uthi lo mcimbi ubusezandleni zabakwaSidlodlo,ngoko ke akukho zincukacha ezithe vetshe abanokuzinikezela oonondaba belisebe.
Othethela amapolisa uCaptain Sandra Van Rensburg ungqinile ukuba ezintsana ezazebiwe ngoLwesibini weveki ephelileyo ziye zafunyanwa.Uhambise wathi abasolwa ababini abangamanina babanjwe licandelo leFamily Violence,Child Protection and Sexual Offences,ngeesityholo sokweba iintsana. “Isityholo sithi ipolisa beliphuma kumasango esibhedlele xa ezakuqaphela amanina amabini ephuma neentsana kumasango esibhedlele.Uye wawahlaba imibuzo la manina.Isikrokro siye saqina kwakuphawuleka ukuba ezimveku zebiwe.”Abasolwa abaneminyaka engama-25 nona-26 yeminyaka bazakuvela enkundleni yamatyala eNew Bright kuleveki.
UMkomishinala wamapolisa obambeleyo uBrigadier Loyiso Ngalo uwancomile amapolisa ngomsebenzi wawo asebenzi ngokuzimisela oko kuye kwabikwa ukuba kukho iintsana ezebiweyo eDora Nginza. “Siyakubulela ukufunyanwa kwezi ntsana.Zizakutsho zinikezelwe kwiintsapho zazo,”utsho uNgalo.Ezintsana ezingamakhwenkwe zebiwe kwigumbi lokubelekela ngoLwesibini.Ingxelo yamapolisa ithi omnye umdlezana ushiye usana lwakhe kwicandela lokubelekela iPremature Unit emva kokulincancisa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.Uthe xa ephindela ngo-8.30 wafika usana lwakhe lungekho.Kubenjalo nakumdlezana wesibini.Ngoko nangoko kuxelelwe amapolisa aye asukuma ngoko nangoko ukukhangela ezi mveku ezebiwe zisesefukwini kuba zibelekwe phambi kwexesha.Iintsapho zezimveku zithi zifuna iimpendulo ngokwebiwa kwezi ntsana.Inina eloyanyaniswa nokwebiwa kwezintsana zimbini kuvakala ukuba lathi lakhohlisa indoda elihlala nayo ngokuthi likhulelwe amawela.