Intwazana yaseFlagstaff uAphiwe Khwetshube (25) osanda kuthweswa isidanga sobugqwetha yiDyunivesithi yaseFort Hare eMonti,ufuna ukwakha ikhaya leenkedama eFlagstaff,eBizana naseLusikisiki.Ekukhuleni kwakhe ebona ubunzima abajongene nabo aba bantwana bahlala bodwa nabahlala endleleni,uKhwetshube uzinikele ekuboneleleni aba bantwana indawo ekhuselekileyo,ebathembisa uthando,imfundo kunye nokuziva befana nabanye.
“Injongo yam kukubona eli khaya leenkedama lisebenza nje ngokubuyisela eluntwini,ukubona aba bantwana siza kubakhulisa besonyuka kwelinye inqanaba kwaye babe ziinkukheli zangomso zelizwe,”utshilo uKhwetshube.Uhambo lwakhe lwaqala ngezenzo ezincinci ezinempumelelo zobubele njengokuqokelela kunye nokunikela ngempahla kubantwana abasweleyo.
Umbono wakhe awubandakanyi nje kuphela indawo yokuhlala nokutya,kodwa kwanemfundo kunye nokwamkela ukukhumbuza aba bantwana ukuba babalulekile kwaye bafanelwe zizinto ezintle.UKhwetshube uceba ukusebenzisana namashishini asekuhlaleni,iiDyunivesithi kunye nemibutho yasekuhlaleni ukuxhasa eli phulo,ngelixa ekwakhuthaza iiprojekthi zolimo ukuba zibandakanyeke.
“Omnye wemingeni eyoyikisayo kukudibana nabantu abaza kuthabatha inxaxheba ukuze bazizuzele ngokwabo endaweni yombono,indawo yekhaya leenkedama ukufumaneka kunye nokufikeleleka kwindawo elizokwakhiwa kuyo eli khaya leenkedama,”woleke ngelo uKhwetshube.Ngaphandle kwemiceli mngeni yokufumana inkxaso-mali kunye nabanonopheli abaqeqeshiweyo kwiindawo ezisemaphandleni,uAphiwe akakalilahli ithemba.Ukongeza uKhwetshube ukhangela inkxaso-mali kunye nemithombo yeendaba zoluntu ukwazisa ngeliphulo lakhe,ebonisa ukuzinikela kwakhe ekudaleni ikamva eliqaqambileyo leenkedama.
Njengoko ethatha amanyathelo abukhali ephupheni lakhe,umema uluntu ukuba lubandakanyeke kweli nyathelo libalulekileyo lokubuyisela ithemba kunye nokuguqula ubomi.
UAphiwe Khwetshube uzimisele ukwakha ikhaya leenkedama kwelamaMpondo.