Ukudubulana kwamapolisa nemiguvela lushiye unqevu enabele uqaqaqa.Oku kwenzeke kwilali yaseDalasile eNgcobo ngoLweibini weveki esisuka kuyo.Ipolisa lidutyulwe esiswini laze labalekiselwa esibhedlele eAll Saints apho lifumene unyango laze lakhululwa.
Ingxelo yamapolisa idize ukuba kwisithuba sentsimbi yesibhozo ngentseni yangoLwesibini,oonqalintloko abathathu baye kwilali iMachibi ngenjongo zokuyophanga, inkonde eneminyaka engamashumi asixhenxe anesine ubudala,umpu wale nkonde.
Bakungawufumani umpu badubule le nkonde yabhubha.Kudizwa ukuba ngethuba abahlali beleqa le migulukudu kugaleleke amapolisa aseDalasile afike ancedisa abahlali ukunqakula la madoda.Isithethi samapolisa uCol.Priscilla Naidu uthi la matutu athumele izulu lezandla emapoliseni amapolisa aye aphindisa yangulowo mqhoqhozwano. Unqevu oneminyaka engamashumi amane anesithathu udutyulwe wawushiya umhlaba engayolelanga wenjenjeya ukusingisa kwelezinyanya.
Umrhanelwa wesibini oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala ubethelwe ooGqirha nezicaka ngabahlali baze bamnikezela emapoliseni waphoswa ngaphaya kwezitshixo esitokisini.Imipu emibini nentlaninge yeembumbulu zithe zafunyanwa,zizothunyelwa kuhlolo kunjongwe ukuba zange zisetyenziswe kolunye ulwaphulo mthetho kusini na.
Kuvulwe ityala lokubulala,elokuzama ukubulala nelokuphanga.UMkomishinala wamapolisa ephondweni leMpuma Kapa uLt.Gen.Nomthetheli Mene uncome amapolisa ngokukhalipha nobukroti.Watsho edlulisa amazwi ovelwano kusapho lwenkonde ebhubhele ezandleni zezaphuli mthetho,ezizoloko zinxanelwe igazi.