Kushiye ukunxakama nesingqala ukuzibulala kwentombi yeNkciyo kwawadi 1 ePort St.Johns.Kuvakala ukuba le ntwazana izibulele ngokusela iipilisi zeetanki emva kokuxwaxwa ngabantu kwikhasi likaFacebook apho bekuhlekiswa ngemeko yentlupheko kwikhaya layo.Nangona kungekho nkcukacha zithiwe pahaha ngesi siganeko kodwa ixhoba bekulindeleke lingcwatywe kule veki ngokutsho kukamasipala.
USihlalo weNkciyo eNyandeni uSizeka Koyana uthethe wenjenje: “Ezi zinto zenzekayo zisenza sidakumbe ngakumbi kuba siyabaqeqesha abantwana njengoko bephuma kumakhaya angafaniyo.Asibaqeqeshanga ngohlobo lokuhlekisa ngemeko yomnye.Imbi eyokusweleka komnye ehlekwa ngentlupheko yekhaya lakhe angayicelanga.
UNokuthula Mtuka womasipala wesithili i-O.R Tambo uthi bazifumene ezi ndaba zokuzibulala kwalentwazana kwaye linxeba elinzulu kubo.Uthi bazokwenza amaphulo okufundisa ngobungozi bamakhasi onxibelelwano neziphumo zabo. “Yintlungu ukubhubha kwelungu leNkciyo kwaye khange siyilindele le isehleleyo.Ndithe ndakufumana ezi ngxelo ndakhathazeka kakhulu.Abantwana beNkciyo baphantsi kohlaselo bagxekwa ngokuzibazisa loo gama behlupheka.”
Ukanti naye uSihlalo we-KSD Local AIDS Council uNtombekhaya Ndinisa-Ndesi uphawule ngesi siganeko sokuzibulala kwalentwazana.UNdinisa-Ndesi uthe: “Ndibuhlungu ngaphakathi kubakho iinkampu bafundiswe ngendlela yokuziphatha kodwa ukuxhaphaza kuye kwashiyeka.Ukuhlupheka uthukwe ngako kuFacebook awuzikhethelanga.Kufuneka sibuyele ezilalini sifundise nge bullism (ukuxhaphaza).”Ngokutsho kwabasemagunyeni siyaqala isiganeko sokuzibulala kwelungu leNkciyo nanjengoko bekusajongwe eyokudlwengulwa kwabo baze babulawe.