Ukuhlolwa kwabafana beNkciyo kummandla we-OR Tambo kuchazwe njengento ezodlala indima enkulu ukukhuthaza nabanye ukuba bazeke mzekweni kwiinzame zokuziphatha kakuhle.Oku kuthethwe lilungu lekomiti kaSodolophu neeNkonzo eZikhethakeleyo (Special Programmes) kwisithili i-OR Tambo uNokuthula Mtuka.UMtuka uthethe neli jelo ngethuba beqhuba umsitho ka-MR & MISS O.R Tambo Inkciyo 2024 kwiholo kamsipala eseVulindlela eMthatha.
Lo msitho ubuqala ukubanjwa kulonyaka kwaye kukho isicwangciso sokuwenza unyaka nonyaka.Ubuququzelelwe ngumasipala kunye neSONGE Soial Change. “Iinjongo zeNkciyo kukuzama ukunqanda ukukhulelwa kwabantwana abaselula,sinqande nokwanda kwentsholongwane kaGawulayo.Sibafundisa indlela yokuziphatha bahloniphe abanye abantu.Sinabo nabafana abathathe isigqibo sokufuna ukuhlolwa,bayahlolwa nabo kwaye bayalonwabela elinyathelo,”kucacisa uMtuka.
UMlawuli we-SONGE Social Change uNtombethemba Ndinisa =Ndesi uthe “ Siziva sonwabile kukusungulwa kukaMR & MISS O.R Tambo iNkciyo 2024.Kudala beshiywa ngaphandle abantwana beNkciyo.Oku kuzokhuthaza ukuzigcina benyulu.Sinomsebenzi omkhulu ekufuneka siwenzile ukulungiselela unyaka ozayo.Kuzofuneka sifune izinto eziquka ibhasari ezizokwenza umdla zixhamlise amalungu eNkciyo,bafunde simahla.”
U-Asanda Simoyi wenkampani iLikhithande Engineers and Project Managers ubinze ngesixa mali esiyi –R57 000.Le mali ithenge amabhaso aquka iikhompyutha,iminxeba entlobontlobo nezinye ezinikwe abaphumeleleyo.Kulindeleke ukuba kucelwe oosomashishini bawuxhase lo msitho kunyaka ozayo.
Abaphumeleleyo kuMR & MISS INkciyo O.R Tambo 2024.