UMongi utyholwa ngokudlwengula umguli
Yintatheli yeKhwezi
Indoda engumongi oneminyaka engama 33 uvele enkundleni kwiveki ephelileyo malunga nesityholo sokudlwengula owasetyhini (28) ngethuba ebesisigulane kwisibhedlele iTaylor Bequest eMatatiele.Esi siganeko kudizwe ukuba senzeke ngomhla we26 kuSeptemba walo nyaka.Ngokwengxelo ephume kwisithethi sesebe lezeMpilo uMkhululi Ndamase lo mncedisi kaMongikazi unikwe imbalelwano yokunqunyanyiswa emva kokuvela kwiNkundla kaMantyi waseMatatiele ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga yoMsintsi.
“Esi siganeko kutyholwa ukuba senzeke kwindawo yokuhlambela yaze yaxelwa kubaphathi besibhedlele ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yoMsintsi.Kubizwe amapolisa,laze elo xhoba lathathwa lasiwa kwiziko iThuthuzela Care Centre,nalapho kwathathwa umfuziselo wencindi yobudoda, ukuze kuqhutyekwe nophando,”utshilo uNdamase.
Egxeka izityholo zodlwengulo uMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Kapa uNomakhosazana Meth uthe amaziko ezempilo afanele ukuba ziindawo ezikhuselekileyo kubantu basetyhini. “Sisothukile sesi siganeko,nangona ngoku ingumcimbi wolwaphulo mthetho,isebe lisungule olwalo uphando lwangaphakathi kuba sibuthathela ingqalelo ubundlobongela obuphathelele kwisini,”utshilo uMeth.
Wongeze ngelithi ayilunganga into yokuba abantu basetyhini abaya kunyangwa kumaziko abo batyholwe ngokudlwengulwa,kwaye okubi ngakumbi,ngabo bafanele ukubanceda. “Umthetho mawuthathe ikhondo lawo.Umntu otyholwa ngokuba lixhoba kunye nomntu otyholwa ngokuba lingqina baye banikwa iingcebiso,”utshilo uMeth.