UKholeka Dubula oyimvimi yomculo wevangeli uthi akakoyiki ukufa.Oku ukubhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano emva kokufumana umnxeba kumntu omgrogrisa ngokumbulala ngaphandle kwesizathu.UDubula oyinzalelwana yaseNqadu kuGatyana uthi akanaxhala kuba akukho nto akhe wayenza emntwini enokudala ukuba kude kubekho umntu ofuna ukumbulala.UKholeka uthi lo mntu umtsalele umnxeba esithi uthunywe ukuba amdlulise amafu.Uhambisa athi uye wamxelela lo mntu yena akakoyiki ukufa.
Uthi umbulali uphinde wamtsalela ‘umbulali’esithi ungaphandle kwendlu kaDubula.Le mvumi yaseNqadu imyalele ukuba makadubule. “Andikoyiki ukufa mna.kuba andonanga mntu,”kutsho uKholeka.Inombolo abetsalelwa ngayo umnxeba uthi uyigcinile kwaye uzakuvula ityala,nangona kusathe cwaka okwangoku.