Iqalile ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo inkampu yamakrwala ebanjelwe ebhotwe eNyandeni.Le nkampu entsuku mbini iqale ngoLwesihlanu yaphela ngoMgqibelo.Le nkampu iququzelelwe liqumrhu elingenzi nzuzo i-SONGE SOCIAL CHANGE umasipala waseNyandeni,ubukumkani baseNyandeni nabanye abathathi nxaxheba.
Le nkampu izinyaswa ngamakrwala asuka ePort St.Johns,eLibode naseNgqeleni zontathu izidolophu eziphantsi kwekomkhulu lamaMpondo aseNyandeni.Iinjongo zale nkampu kukubamba ingxoxo –mpikiswano ngendlela zokwakha amadoda oqobo azokwazi ukukhusela amanina,adlale indima ukunqanda ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana.
Umququzeleli wenkqubo i-Adolescent Boys ang Young Men (ABYM) e-SONGE SOCIAL CHANGE uSomeleze Ngoyi uthi ukuqoqwa kwezimilo kwakhiwe amadoda ngokusingatha amakrwala kuzoba phambili kule ndawo ebizwa ‘inyewe yamakrwala’. “Simema onke amakrwala aseNyandeni abeyinxalenye yalenkampu.Ukuxhatshazwa kwamanina kuqatysele e-O.R Tambo kusenziwa ngabantu abathi bangamadoda,abantu bacinga ukuba lo mkhuba ufundiswa entabeni.Le nkampu izokwenza amakrwala abe ngamadoda oqobo.”kutsho uNgoyi.
Emva kokubanjwa kwenkampu yokuqala eBhotwe ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo kwabhubha umkhwetha omnye kuphela eNyandeni.Ukanti nasekupheleni konyaka kuphinde kwabhubha omnye nto leyo ichazwa ligalelo lokubanjwa kwezi nkampu eNyandeni ngokutsho kweSONGE SOCIAL CHANGE.UNgoyi ukwathe “Umahluko mkhulu ngokubanjwa kwezi nkampu.Sasungula into ethi “Mabaye bephila babuye bephila”.Lehla kakhulu inani lokusweleka kwabakhwetha kulo mmandla. “Besisenza imisitho yokufundisa ngezinto ezenziwe ngaphambi kokuya entabeni,ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha.Sikwazamile ukulwa nezikolo zolwaluko ezingekho mthathweni.”Amasebe karhulumente abeyinxalenye yale nkampu ibilisebe lezeMpilo,elezeMfundo,iiNkosi namaqumrhu angekho phantsi korhulumente.