Zingene esitalatweni iikomiti zewadi (ward committees) ziqhankqalazela imivuzo.Ezi wadi komiti eziphuma kwiwadi eziyi-37 phantsi komasipala wase-KSD zinyanzelisa ukwamkeliswa i-R12000.Kwiveki ephelileyo ezi wadi komiti zinikezele ngoxwebhu lwezikhalazo kuSodolophu womasipala wase-KSD uNyaniso Nelali.Ezi wadi komiti zikhala ngelithi ngabo abantu abasebenza nzima kodwa kwamkela uKhansela wewadi ongenzi neyokuqala.
UMnikelo Ncelane othethela oowadi komiti uthi basebenza nzima phantsi kweemeko ezingantlanga kodwa bamkeliswa imali eyi-R2500.00 ukuphela kwenyanga. “Siyakhala ngemali encinci esiyinikwa ngumasipala nesithi sithunywe ngayo ukuba senze umsebenzi ongelula kwaphela,” kutsho uNcelane.Uhambisa athi oomama nabantu abaphila nenkubazeko kuye kunyanzeleke baqeshe iinqwelo mafutha ukuya kwiintlanganiso zendawo abasebenza kuzo nezikude kanobom nto leyo ibeka esichengeni ubomi babo.Xa bethe abakwazi ukuqesha inqwelo mafutha bahamba ngeenyawo,bewela imilambo neentsunguzi.
“Sifuna ukuba konyuswe nezinga loqeqesho esilunikwa ngumasipala sinikwe uqeqesho oluzosinika izatifiketi ezingu –NQF Level 5 ukuya phezulu.Sifuna imali eyi-R12000.00 ngoba nook yona izokwazi ukusincedisa sigqibe umsebenzi esiwuthunywayo,iphinde ibhatale neendleko zooGqirha nomasingcwabane bethu,”kutsho uNcelane.
USodolophu uNelani uthethe wenjenje: “Oowadi Komiti abaqeshwanga sithi bonyulwe ngabahlali eziwadini.Thina ngokukhokhelwa ngumthetho sibapha imali yesephu,sephu leyo esuka kwi-R1000.Imali engummiselo yi-R1000 kodwa thina apha e-O.R Tambo singabona banesepha eninzi eyi-R2500.00 apha eMzantsi Afrika. “Ukuba yiwadi komiti kufana nqwa nokuba sisigqebe sabazali ezikolweni (SGB) okanye ikomiti zaseklinikhi akukho mrholo apho.Ngabantu abangaqeshwanga kodwa ngabantu abathanda ukuhlala kwabo. “Ayingomthetho we-KSD lo ngoba singamalungu kaSALGA sikhokhelwa nguCOGTA.Siza kuwujonga ke kodwa lomqulu sijonge esinokwazi ukuzenza nesingenokwazi ukuzenza,”uphendule ngelo uSodolophu uNelani.Aba wadi komiti bamnike uSodolophu iintsuku ezilishumi elinesine ukuba aphendule izikhalazo zabo
Iiwadi komiti zase-KSD ziqhankqalazela umvuzo ophantsi.Umfanekiso nguMonwabisi Khininda