NguMonwabisi Khininda
Kungekudala kuzosetyenziswa ubuxhakaxhaka balemihla xa umkhweli ebhatala ezitekisini.Le nkqubo ipasiswe yaze yaphehlelelwa ngokusesikweni ngumbutho wezithuthi zikawonke-wonke walapha eMzantsi Afrika u-SANTACO,kumsitho obubanjelwe eDan’s Lodge kwisithili sase-O.R Tambo kwiveki ephelileyo.
Ngethuba ichazwa indlela ezosebenza ngayo le nkqubo yamakhadi kudizwe ukuba zonke izithuthi zikawonke-wonke zizofakelwa i-GPS (Global Positioning System) kunye neKhamera kwaye obu buxhakaxhaka abuzuyamkela imali engaphelelanga ebhatalwa ngumkhweli. Le mifanekiso ingezantsi ithwetyulwe ngethuba lokuphehlelelwa kwale nkqubo kwaye bekuboniswa nange Quantum esele ifakelwe obu buxha-xhaka.UNokuthula Mbebe oyi-CEO eEastern Cape Transport Tertiary Co-operative (ECTTC) uthe unzima umsebenzi ekufuneka bewenzile kodwa ngobambiswano nabantu abachapazelekayo uzoba lula.UMbebe uhambise wathi isebe leZothutho linengxaki yokubhatala kade abantu abathutha abantwana besikolo;kodwa ngale nkqubo entsha izinto azizufana. “ Siyesuka kwinkqubo ebisetyenziswa lisebe leZothutho kuba ibilibazisa ekubhataleni.Nomnikazi wetekisi kuzobalula ukuba abone ukuba wenze malini ngosuku.” UMbebe uthembisile ukuba le nkqubo izodala amathuba amaninzi emisebenzi.