INkundla yamatyala ephakamileyo eMthatha isigwebe ubomi entolongweni isidlwengu ebesiquqa sibuyelela sidlwengula amanina eMpuma Kapa.Le ndoda igwetywe neminyaka elikhulu namashumi asibhozo ithothoza ngaphaya kwezitshixo.
Le ndoda enguMziwoxolo Zozi (44) ebejamelene namatyala anobuzaza angaphezulu kweminyaka emithandathu.Ngokwengxelo yamapolisa ubexhobe ngemla okanye umpu apho ebegrogrisa edlwengula amaxhoba aphakathi kweshumi nesine (14) ukuya kumashumi amane anesithandathu (46).Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi isithuba seminyaka lo mdlwenguli ubengaziwa ngamaxhoba kodwa ubungqina be-DNA bamnxulumanisa namatyala alishumi elinanye.
Ekugqibeleni wabanjwa ngoNovemba 2022 wagcinwa elubalelweni eMarikana.Uvele okokuqala enkundleni yamatyala eLibode ngenyanga yoKwindla kumnyaka wama-2023 apho sakhatywayo isicelo sebheyile.Ngomhla we-28 Agasti 2024 wafunyanwa enetyala kumatyala alishumi nesithandathu aquka ukudlwengula,ukuqhekeza imizi nokuphanga kuxhotyiwe.