Uqhogwano kwesikolo esizinze eJamani (Germany) iNelson Mandela School kunye ne-St.Johns College eMthatha kuchazwe njengentsika ezoxhamlisa abafundi nootitshala bezi zikolo zozibini.NgoLwesine weveki ephelileyo kwamkelwe igqiza laseJamani elenziwe ngabafundi abane nootitshala ababini kumsitho obubanjelwe eNelson Mandela Museum ,eMthatha.
Oku kulandela ukusungulwa kwentsebenziswano yezi zikolo zibini ukususela kwinyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo.Kulindeleke eli gqiza lichithe iintsuku ezilishumi eMpuma Kapa libona iindawo ngeendawo ezinika umtsalane.Umqondisi kwisithili semfundo eMthatha uFundiswa Makrwede uthe: “Siyavuya kakhulu luqhogwano phakathi kwezi zikolo.Ilizwe laseJamani lilizwe uMzantsi Afrika ongafunda lukhulu kulo.Ootsitshala bezi zikolo bazophuculana ngeendlela ezahlukeneyo.”
UMfundisintsapho waseJamani uPaul Curtis uthi uyavuya kukusungulwa kwentsebenziswano njengoko beqale ukuza eMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo.Uthi bamkelwe ngendlela entle kakhulu bazofunda okuninzi kwezi ntsuku bazozichitha apha.Umfundi waseJamani uCan Yilmaz uthi bazotshintshiselana ngamava alamazwe mabini neendlela ekuqhutywa kuhlalwe ngayo ekuhlaleni.
Umfundi waseSt.Johns College uSiyahluma Lamla ekulindeleke abengomnye wabatyelela eJamani ngenyanga yeMsintsi uthe “Eli thuba lokugaleleka kwegqiza laseJamani lizosinika amathuba okunxibelelana ngokwenzekayo.”Kulindeleke abafundi abane nootitshala base-St.Johns bantingele eJamani ekuzeni kuphela kwalonyaka apho bazochitha khona iintsuku ezilishumi.
Abafundi abane base-St.Johns College nabane baseJamani e-Nelson Mandela Museum eMthatha