Ityala ngoyena nozala wokubhubha kwabafundi kwithaveni yaseNyobeni eScenery Park eMonti kulindeleke liqale kwakhona ngomhla we-22 ukuya ku-24 kuJulayi 2024.Liphinde liqhube ngomhla we-12 ukuya kwi-23 Agasti 2024.Nangona inkundla yawisa izigwebo kubanini balendawo yentselo kodwa unobangela wokubhubha kwabo awukacaci nangoku.
Eli tyala kulindeleke liqhutywe eMdantsane ngokutsho kwengxelo ye-NPA ebutsheni balonyaka.Le ndawo yaseNyobeni yabangundaba mlonyeni ngenyanga yeSilimela kunyaka ka-2022 ngethuba kwafunyanwa izidumbu zabafundi abaseleula ngeminyaka ezingamashumi amabini ananye ziqungquluzile kumasango ayo.
USiyakhangela Ndevu neNkosikazi yakhe uVuyokazi Ndevu bafunyanwa benetyala lokunika okanye ukuthengisela, abantwana abangaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyaka,utywala.Inkundla yafumana umbuso ukwazile ukuphuhlisa,ubhence,ucacise ngokungathandabuzekiyo ukuba esi sibini sasinolwazi ngokuthengiselwa kwabantwana utywala.
Inkundla yamatyala yaseMonti yafumana ukuba aba bajongane ngqo nolwaphulo mthetho nangona omnye wabo wayengekho logama omnye waphika walala ngomhlana ngesisenzo.