Ulonwabo lujike lwayincindi yekhala kwinina ekuvakala ukuba belisela imbodlela ngokungathi lisela amarhweu laze latsarhwa lasweleka ngoko nangoko.Ngokwengxelo essi siganeko senzeke kwilali yakwaLindile eMthatha kwimpelaveki esisuka kuyo.Eli nina yinzalelwana yakuQumbu lithengisa iziqhamo kwisitalato sedolophu yaseMthatha.Ingxelo ihambisa ithi eli nina nelinabantwana abasibhozo,belonwabe emzini ebekuqhutywa kuwo umsebenzi wolonwabo nekuvakala ukuba ngumzi ekuhlala kuwo indoda ezalise intombi yalo.
Amadoda afundiswa ngobudoda emaMpondweni
Amadoda kumhlaba wamaMpondo eFlagstaff adikwe yeyokosa afikelele kwisigqibo sokufundisa ngobudoda kulomadoda abudoda bawo bunemihlisela,ekungabalulwa abo babulalayo,izidlwengu,nabaxhaphaza abasetyhini kunye nabantwana njalo,njalo.Oku...