Umculi wokholo oyimbalasane nowazakhela udumo ngengoma ethi ‘Ngena Nowa’,uBethusile ‘Nduna’ uqaqambise igama loMzantsi Afrika kumazwe aphesheya kwelwandle.
UMcinga oyinzalelwana yakuGatyana ongumhlali waseMthatha, wenze ukuba banqwale bonke abagwebi ngethuba kuqhuba umsitho ‘26th Texas Gospel Music Excellence Awards’.Lo msitho uqhutywe kubusuku bangoMgqibelo kubusuku bangoMgqibelo eTexas.
UBethusile ongunyana kaLusanda Mcinga wodumo lomculo wokholo uziqaqambisile kwiimvumi ebezisabelana ngeqonga waze walizwa ngewonga le ‘Best International Male Soloist’.Eli wonga liyishukumisile iMpuma Kapa jikelele.Nesebe leZemidlalo uLonwabo uBugcisa neNkcubeko liye lachukumiseka.UMphathiswa weli sebe eMpuma Kapa uNonceba Kontsiwe umqhwabele izandla uBethusile. “Ibali likaBethusile lizalisekile,ukukhula kwakhe simjongile ephumelela iimbasa ngembasa.Ndingatsho ngebhongo neqhayiya ukuba uMcinga ngoyena nozakuzaku wethu kumculo wokholo,”kutsho uKontsiwe.
Uqhube wathi impumelelo yakhe kweli wonga ibonakalisa ubunganga nokuzimisela kwakhe kumculo wokholo.