UFundile Gade onguMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Kapa uvule ngokusesikweni isikolo samabanga aphantsi nesibizwa ngeNogwaza nesikwilali yakuBeyele phantsi komasipla iDr.A.B Xuma eNgcobo.Esi sikolo esikudidi lwale mihla asinanto singenayo.UMphathiswa uphinde wagqithisa izipho zezihlangu kubafundi abasokolayo abalikhulu. “Akukho nto ibuhlungu njengokuba umntwana aphulukane nemfundo ngenxa yentsokolo yabazali bakhe.Ndiyabakhuthaza ootitshala ukuba mabasazise apho badinga uncedo khona ukuze singenelele sifake isandla,”kutsho uGade.
UThobile Jingqi olilungu le-SGB uthi bayavuya oko side sazovulwa esi sikolo kuba imeko yaso yangaphambili ibingentlanga. “Sibamba ngazo zozibini kuMphathiswa ngalo msebenzi omhle kangaka.Siyathembisa ukuba sizakusigcina sisikhusele singonakaliswa ngabantu abangayithandiyo into entle.Sifuna ukuba kwesi sikolo kuphume izifundiswa nditsho ezizakulandela ekhondweni liGqirha A.B Xuma owaba nguGqirha wokuqala oNtsundu kwilizwe loMzantsi Afrika uphela,”kutsho uJingqi.UGqirha A,B Xuma oyinzalelwana yale lali yakuBeyele wafunda eNgilane waze wabanguMongameli weANC.