Xa kanye kuqala inyanga ebekelwe bucala ukujongana namanina kwilizwe loMzantsi Afrika,izehlo zokubulawa kwamanina kanye ngale nyanga yawo zixhomisa amehlo.UMongikazi obesebenza kwiklinikhi yaseRode eMaxesibeni udutyulwe wabulawa sisinqanda mathe sakhe kutsha nje.
Esi sinqanda mathe nebesisebenza kwa-EMS kwicandelo leClient Information kuvakala ukuba sithathe umpu sadubula uMongikazi lo wasweleka ngoko nangoko,sandula ukuwujongisa kuso umpu.Le ndoda ifumana unyango nanjengoko isebe lezeMpilo lidize ukuba ikwicandelo labantu abagula kakhulu i-ICU ngenxa yemeko yayo engaginyisi mathe.Oku kwenzeke ngexesha esi sibini besingaphangelanga ngalo. “Umthandazo wam ngowokuba le ndoda iphile ze ikwazi ukujamelana nengalo yomthetho,”kutsho uNtandokazi Capa ongumphathiswa wezeMpilo eMpuma Kapa. “Sikwathumele nomyalezo wovelwano kwikhaya likaMongikazi lo othe waphulukana nobom bakhe kwesi sehlo sibuhlungu ngolu hlobo.”
UCapa waleke ngelithi esi siganeko sohluthe isebe lezeMpilo oyena Mongikazi ebezinikele emsebenzini wakhe,kwaye okubuhlungu nangakumbi oku kwenzeka ngenyanga yamanina.Ukanti isebe lezeMpilo lizakuthi lindwendwele ikhaya likamfi ukuya kunika intuthuzelo.Amagama exhoba nelomrhanelwa awakabhengezwa.