UKhansela uMesuli Ngqondwana onguSosithili wase-O.R Tambo ugxeke ekwakhalimela ukonakaliswa kwezisekelo ezingundoqo okunegalelo ekuqhwaleleni kwenkonzo yamanzi kwisithili sase-O.R Tambo. “Ukuvulwa kweziko lokuphehla amanzi eMhlontlo bekufanele ukuba siyakubhiyozela,kodwa kuzisa inkxalabo ngenxa yokonakaliswa kwezisekelo ezingundoqo.UNgqondwana ukuthethe oku ngethuba etyelele iziko eliseMvumelwano Water Treatment Works apho kuye kwanqunyanyiswa ukunikezelwa ngokusesikweni,ngomhla we-22 Novemba, kweli ziko ngenxa yomanakalo owenziweyo.Lityeli lesibini eli ziko lisonakaliswa.Umasipala uxelele u-Eskom namapolisa ngomonakalo ophinde wenzeka kweli ziko ukuze lamaziko omabini angenelele.
Kwezinye iziganeko kwebiwa iintambo zombane kwilokishi iThabo Mbeki phantsi komasipala waseNyandeni oku bubangele ukuba oosamsoni abathandathu abazisa amanzi bangasebenzi,nto leyo ibangele ukungafumaneki kwamanzi kwiindawo eziliqela.Kananjalo nakwilali iNohiya kuQumbu nakuwadi 12 phantsi komasipala iKing Sabata Dalindyebo.Oku kukhokhelele ekulungisweni komanakalo okuxabise umasipala R240,000.Ukusukela kuhlalo lwabiwo-mali lonyaka ophelileyo zilishumi elinesixhenxe iziganeko zobusela nokonakaliswa kwemibhobho ehambisa amanzi okukhokhelele kwincitho efikelele kwi-R20.00 yezigidi.UNgqondwana uthe sekubekelwe bucalala imali ekwi-R40.yezigidi ukuze kulungiswe umonakalo. “Asikwazi ukubeka emngciphekweni wokungasiwa kweenkonzo eluntwini”,ulebele ngelo uNgqondwana.Uyaleze uluntu ukuba lubeke iliso kwizakhiwo nezisekelo zikarhulumente,bakhawuleze baxelele abasemagunyeni apho kurhaneleka ubusela nokonakaliswa kweendawo zikarhulumente.