Ngenxa yokohluleka kweANC ukuphumelela uvoto ngesininzi kuye kwanyanzelaka iseke urhulumente wobumbano (GNU) namanye amaqela yatsho yangamaqela alishumi ewonke azakulawula ngukubambisana kulo rhulumente wesixhenxe likhululekile ilizwe loMzantsi Afrika.Zisabethabethana izimvo zabantu ngolu bumbano kukho abathi amaqela anemiqulu yolonyulo eyahlukileyo akuzubalula ukuba abone ngasonye kwimiba eliqela,baphinde bathi ngo-1994 kulonyulo lokuqala eli lizwe laye lalawulwa ngobambiswano olwaye lwaphtyalaka kwiminyaka emibini elandelayo.
“Siyibonile ingxaki koomasipala abafana naseGqeberha nakoTshwane apho bekulawulwa ngobambiswano.Eyona nto bekusiliwa ngayo zizikhundla kungekho luphohliso,”kutsho uZama Nkomo ongutitshala kwisikolo iNyangilizwe kuNgolo ngaseMthatha.Uthe yena akanathemba ukuba lo urhulumente uza kusebenzela uluntu oluhluphekayo.
UNosipho Kama ongumthengisi wempahla eMthatha uthe yena into ayaziyo yeyokuba eMpuma Kapa kusalawula i-ANC. “UMabuyane ubonile ukuba kwamanye amaphondo kubemthi mni.Ukuba akazonyusi iikawusi inene nalapha kuzawunyanzeleka kungene urhulumente wobambiswano esingekazi ukuba uzosiphathelani kuzwelonke.
UMandisi Mthetho uthi : “Ndiyathemba ukuba ezi nkokheli zifunde nto kumava worhulumento lobumbano luka-1994.Ukuba bangabeka bucala iipolitiki zemibutho bagxile ekukhonzeni uluntu izinto ngeke zifane.Into ecacileyo yeyokuba akukho qela lizophinda lilawule ngesininzi kweli lizwe.”UThemba Mazwi uthi unethemba lokuba kwezinkokheli zonyulelwe kwizikhundla zobuphathiswa zizosebenzela ukuba zishiye umzila obonakalayo. “Amaqela afana nePAC neRISE MZANSI ebengasoze aluphumelele ulonyulo.Ngoku onyulelwe kwizikhundla eziphezulu ,esoMphathiswa weCOGTA uMzwanele Nyontso wePAC aze uSongezo Zibi weRise Mzansi abengusihlalo wekomiti ejongene nezimali zepalamente (SCOPA).
UFuneka Mnyaka ongunogada eMthatha uthi ukuba nje urhulumente wobumbano ungaqinisa ubuntlola emapoliseni ukuze ulwe umkhuba wokuthinjwa koosomashishini nokulahleka kwamantombazana aze kamva abhaqwe ebulewe.”Le yokubulawa kwamantombazana ngabantu athandana nabo indenzela uvalo.Urhulumente ubonakala engayithathelo ngqalelo yonke le ngxaki.Ixesha lezithembiso liphelile.Sifuna ukubona izinto zisenzeka.”