Yintatheli yeKhwezi
EMTHATHA–Amapolisa amabini asebenzela ibutho leHawks abanjwe kwintseni yangoLwesine ngezityholo zokunyobisa umntu emnyanzelisa ukuba makawanike imali ekuma-R50,000.00 ukuze bona banyamalalise idokethi letyala lakhe ,litsho liphelele emoyeni.Ingxelo idiza ukuba esi sibini siwuqale lo mkhonyovu kwimpela-nyanga kaJulayi kulo nyaka,ngethuba elinye lamapolisa litshalela umnxeba ixhoba ngelilixelela ukuba isebe leZabasebenzi livulele inkampani yakhe ityala.
Ingxelo eyothulwe enkundleni kaMantyi eMthatha ithi kuphindile ngomhla wesine kwinyanga kaAgasti ixhoba laphinde latsalelwa umnxeba kwa leli polisa limnyanzelisa ukuba makalinike imali eyi-R40,000.00 laze lalandula ixhoba ngelithi alinayo ,ukanti kwangolosuku kuvakala ukuba eli polisa liphinde lanyanzelisa ixhoba ukuba malize nemali sele iyi-R50,000.00.
Ingxelo idiza ukuba ixhoba alikwazanga kuyinyamezela le nto laze layoyintama kwibutho looKhetshe (Hawks),nelithe laqhuba uphando olukhawulezileyo,nolufihlakeleyo kwaze kwavela ukuba lo mkhonyovu eli polisa liwuqhuba nogxa walo eliphangela naye.Babanjiwe kule veki ityala limiselwe le veki ukuze kuyophulwaphulwa isicelo sebheyile bafumane neGqwetha elizobamela.
Abamangalelwa ngCaptain Given Makhubele (42) noSergeant Jacob Tyantini (43).Eli tyala liqhutywa kwiMthatha Specialised Commercial Crimes Court.