Kubonakala ingathi umkhwa wokubulawa kwabantu abaninzi ngexesha elinye ufumene indawo yokuzinza kwisithili sase-O.R Tambo kwiphondo leMpuma Kapa.Abantu bathe besothuswe sisithwakumbe sokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana eLusikisisi kwevakala ukubulawa kwamalungu e-CPF (Community Policing Forum) abathandathu kuQumbu,kanti kwiveki esisuka kuyo kuphinde kwabulawa abantu abahlanu eBhityi eMthatha.
Ngokwengxelo yamapolisa usapho belulele kwizindlu ezahlukeneyo,umyeni nenkosikazi yakhe belele kwindlu enguronta,nalapho kuthe kwangena amadoda angaziwayo abadubula.Baphume apho baya kwenye indlu nalapho afike adubula amalungu osapho amathathu,koluhlaselo kuye kwalimala ngokumasikizi abantwana ababini nabathe bakwazi ukubaleka baye kuhlaba umkhosi kubamelwane abathe batsalela umnxebe emapoliseni.
Mabini amadoda aswelekeileyo nabasetyhini abathathu lo gama abantwana ababini bebalekiselwe esibhedlele.Unobangela woluhlaselo awukaziwa,kusaqhutywa uphando. “Ndiyalele iqela labecuphi abaphume izandla ukuba balande ekhondweni de babe bayazifumana ezi zikrelemnqa ezibulele ngokungenalusini ngoluhlobo zebajongane nengalo yomthetho,”kutsho uNjengele Nomthetheli Mene.
UMene uqhube wathumela amazwi entuthuzelo kwikhaya lamaxhoba ekwanqwenelela nabantwana abalimeyo ukwelulama okukhawulezileyo.