UMhlobo Wenene FM elijelo losasazo elisasaza ngesiXhosa likwiphulo lokuphuhlisa izakhono kumagcisa,ngokuthi ivumbulule ubugcisa kubabhali,abadlali nabadidiyeli bamabali kanomathotholo.Olu khuphiswano loMhlobo Wenene FM lukunyaka wesibini lusingathwa ukuchonga abaphumeleleyo abazakufumana ibhaso leR20,000 kubabhali,abadlali nabadidiyeli, ze kubavoti abazokuvotela abalinganisi (actors) azuze i-R15.000.00.ISebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko eMpuma Kapa lithe lafaka isandla kolu khuphiswano.Kwintlanganiso yecweyo entsuku-mbini ebibanjelwe eBluewater Bay Sunrise Hotel eGqeberha ngoLwesine noLwesihlanu weveki esisuka kuyo,kuxhotyiswe ngezakhono ababhali bamabali kanomathotholo (radio drama script writers),abalinganisi (actors) abadidiyeli bemidlalo kanomathotholo (radio drama producers).Amagcisa abenalenyhweba ngalawo afikelele ngumanqam kukhuphiswano lwababhali,abalinganisi nabavelisi.
Ababhali nguMonwabisi Khininda.uAbongile Tyopho noThenjiswa Ntwana.UKhininda ulungenelele ityeli lesibini olu khuphiswano.Kunyaka ophelileyo waphuma kwindawo yesibini elandela uNompumezo Buzani.Abadlali abakumagqibela kanqoyi nguVuyokazi July,Duke Mbini,Aphiwe Mabhija,Nelisa Gawe noKhanyisa Mingo.Abadlali bamabali bazakuvotelwa ukusukela kuLwesibini wale veki.Abadidiyeli nguCharlie Dyasi noMzuvukile Tempi.ULoyiso Bala oyiEastern Cape Combo Business Manager kuMhlobo Wenene FM uthe olukhuphiswano luyakhula kuba lukunyaka wesibini luqhuba.Uthe olukhuphuswano lujonge ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa olugqiba iminyaka engamakhulu amabini lwabhalwa phantsi.Uhambise wathi olukhuphiswano luhambelana nqwa nenjongo zoMhlobo Wenene FM,injongo zokufundisa.ukwazisa nokonwabisa.Ugqithise ilizwi lombulelo kwisebe lakwaDSRAC ngenkxaso yolu khuphiswano.UMasixole Mdingane ongumphathi weenkqubo uthe ngolu khuphuswano UMhlobo Wenene uzama ukubuyisela isidima solwimi lwesiXhosa,Uthe ukuba bebenemali eyaneleyo wonke amagcisa afikelele kumagqibela kanqoyi ebezakuqeshwa ukuze kuveliswe imidlalo emininzi.
UNtombethemba Toffee Zitshu ongumququzeleli wolu khuphiswano uthe kulo unyaka bafumene inkxaso kwisebe leZemidlalo,uLonwabo uBugcisa neNkcubeko (DSRAC).Uhambise wathi ngoluqhogwano lwentsebenziswano noDSRAC amabhaso aphunyelelwayo azakuya ephucuka ngokuphucuka.
UDumisani Mbebe ongumdlali wemiboniso kamabonakude nguye obexhobisa abadlali ngezakhono.Ukuvakalisile ukungoneliseki kwakhe yingxaso engekhoyo yokuphuhlisa amagcisa eMpuma Kapa.Uxanduva eluphosa kwisebe likaDSRAC.UBusisiwe Jemsana-Mantashe oyiNgqonyela kwicandelo leelwimi kwaDSRAC uthe isebe lakhe likwiphulo lokuphuhlisa amabali kamabonakude watsho ekhankanya ibali eliqhubekayo iGqeberha The Empire watsho esithi akhona namanye aselegqityiwe.
ULoyiso Bala ongumlawuli kuMhlobo Wenene FM nabadlali nababhali abangenelele ukhuphiswano lwemidalo kanomathotholo