Usekela sodolophu kuMasipala we-O.R Tambo uThokozile Sokhanyiel uthi amadoda makohlukane nomkhuba wokuyeka phakathi ukutya iipilisi asuke atyhole idliso.Uthi ukungathathi uxanduva ngokwempilo kwenza amadoda abeyimiqodi ukubheka emangcwabeni.USokhanyile ubethetha ngoLwesihlanu ngethuba evula ngokusesikweni ipalamente yamadoda yesithili,ebibanjelwe e-O.R Tambo hall eMthatha.
Injongo yale nkomfa ibikukushukuxa ukuxhatshazwa nokubulawa kwamanina,ukubhubha kwabakhwetha esuthwini,umba weziyobisis neminye imiba. “Ootata bayabhubha ngenxa yokuyeka unyango phakathi bathi badlisiwe xa begula.Uninzi lwabantu abaxhaphaza babulale amanina ngamadoda. “Sithe amadoda makadibane odwa namhlanje axoxe ngezi ngxaki zixakileyo kwisithili.Kugcwele iziyobisi amadoda ngawona achaphazeleka kakhulu.Sifuna kuhlaliwe kwakhiwe isizwe,”kucacisa uSokhanyile.
USomeleze Ngoyi ongunobhala wemibutho yamadoda uthe: “Kufuneka sinyaniseke xa sixoxa ngokuxhatshazwa kubulawe amanina.Kufuneka sikhangele esona sizekabani salengxaki.Ukuxoxa kwamadoda odwa,kuxoxe oomama bodwa akuncedisi ngokwaneleyo.Kumele kuhlaliwe etafileni kuthethwe ngabantu babini kuchazwe ngokulindelekileyo kubo.”UNgoyi uthe iqhinga kukwenziwa kweengxoxo-mpikiswano ngezi ngxaki kujongwe umonakalo wasemoyeni nasengqondweni kwaye kungathathwa cala.
UNyameka Miliso wesebe lezeMfundo uthi isebe lisengxakini yokufundisa abantwana abangakwazi kumamela ngenxa yokucinga iintsana zabo.Uthi abarhanelwa ngamadoda angafuni kuthatha uxanduva ondle emva kokwenza nzima amanina.UMiliso uthi le meko yenza kukhule inani labafundi abashiya phakathi esikolweni.Le palamante ibisandulela eyephondo ezobanjwa kungekudala.